UTyron wayengathintithi nakanye. Phambi kokuba umalume uJaap ahlale naye nomama wakhe, amagama ayedla ngokuzityibilikela lula njengamaqamza elwimini lwakhe. Wonke umntu wayesithi umama wakhe unethamsanqa ukufumana indoda efana nomalume uJaap. UTyron nguye yedwa owayecinga ngokwahlukileyo. Wayenqwenela ukuxelela umama wakhe okanye uNkosazana Lea ukuba umalume uJaap ungubani na kanye … ------ Tyron never stuttered. Before Uncle Jaap came to live with him and his mother, words used to slip easily from his tongue like bubbles. Everyone said his mother was lucky to have found a man like Uncle Jaap. Tyron was the only one who thought differently. He wished he could tell his mother or Miss Lea who Uncle Jaap really was...